8. Waphuma ukumkani waseSodom, nokumkani waseGomora, nokumkani waseAdama, nokumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare, bakha uluhlu lokulwa nabo entilini yaseSidim;
9. noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi, noAmrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare: ookumkani abahlanu balwa nabané.
10. Ke intili yaseSidim yaye iyimingxuma yodwa yebhitumene;* basaba ookumkani, owaseSodom, nowaseGomora, beyela khona, amasalela asabela entabeni.
11. Bayithabatha yonke impahla yaseSodom, neGomora, nako konke ukudla kwabo, bemka.
12. Bamthabatha noLote, nempahla yakhe, unyana womninawa ka-Abram, bemka; kuba wayehleli eSodom.
13. Wafika osindileyo, waxelela uAbram, umHebhere; yena ebehleli eMiokini* kaMamre umAmori, umzalwana kaEshkoli, nomzalwana ka-Anere; bona ke bebengamanqophisana noAbram.