16. Wazibuyisa zonke iimpahla, kwanoLote umzalwana wakhe, wazibuyisa neempahla zakhe, kwanabafazi nabantu.
17. Waphuma ukumkani waseSodom, esiya kumkhawulela ekubuyeni kwakhe ekutshabalaliseni uKedorlahomere, nookumkani ebabenaye, entilini yeShave, eyintili yookumkani.
18. UMelkitsedeke,* umkukani waseSalem, waphuma enesonka newayini; ubengumbingeleli kaThixo Osenyangweni.
19. Wamsikelela wathi, Makasikelelwe uAbram nguThixo Osenyangweni, uMninimazulu nehlabathi!
20. Makabongwe uThixo Osenyangweni obanikeleyo ababandezeli bakho esandleni sakho. UAbram wamnika isishumi seento zonke.