Igenesis 13:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wathi uYehova kuAbram, emveni kokuba uLote ahlukane naye, Khawuwaphakamise amehlo akho ukuloo ndawo ukuyo, ubhekise entla, nasezantsi, nasempumalanga, nasentshonalanga;

15. ngokuba lonke ilizwe olibonayo ndiya kulinika wena, nembewu yakho, kude kuse ephakadeni;

16. ndiyènze imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, angáthi ubani enako ukulubala uthuli lomhlaba, ayibale nembewu yakho.

17. Suka, ulihambe ilizwe ngobude balo nangobubanzi balo; ngokuba ndiya kulinika wena.

18. Wancothula uAbram intente yakhe, waya wahlala ngaseMiokini* kaMamre eseHebron, wakhela khona uYehova isibingelelo.

Igenesis 13