UTera wamthabatha uAbram, unyana wakhe, noLote unyana kaHaran, unyana wonyana wakhe, noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram unyana wakhe, baphuma nabo eUre yamaKaledi, besiya ezweni lakwaKanan; bafika kwelakwaHaran, bahlala khona.