Igenesis 11:25-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. UNahore wahlala emveni kokuzala kwakhe uTera iminyaka elikhulu elinashumi-nye linesithoba, wazala oonyana neentombi.

26. UTera wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uAbram, noNahore, noHaran.

27. Yiyo le ke inzala kaTera: uTera wazala uAbram, noNahore, noHaran; uHaran wazala uLote.

28. Wafa uHaran esekho uTera uyise, ezweni lokuzalwa kwakhe, eUre yamaKaledi.

29. UAbram noNahore bazeka abafazi; igama lomka-Abram lalinguSarayi; igama lomkaNahore lalinguMilka, intombi kaHaran, usoMilka, usoYiska.

30. USarayi ebengazali, engenamntwana.

Igenesis 11