1. Ke kaloku lonke ihlabathi libe lintetho-nye, limazwi manye.
2. Kwathi, ekundulukeni kwabo besinga empumalanga, bafumana ithafa ezweni laseShinare; bahlala khona. Bathi abanye kwabanye, Yizani, senze izitena, sizitshise kunene.
3. Baba nezitena endaweni yamatye, nebhitumene* endaweni yodaka.