13. UMitzerayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,
14. namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti namaKafetori.
15. UKanan wazala uTsidon, owamazibulo wakhe,
16. noHeti, namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,
17. namaHivi, nama-Areki, namaSin, nama-Arvadi,
18. namaTsemari, namaHamati; emveni koko zaphangalala izizwe zamaKanan.
19. Umda wamaKanan wathabathela eTsidon, wasinga eGerare, wasa eGaza; wasinga eSodom, neGomora, neAdama, neTsebhoyim, wasa eLasha.
20. Ngabo abo oonyana bakaHam, ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ezintlangeni zabo.
21. UShem wazalelwa naye; unguyise wabo bonke oonyana bakaEbhere, ungumzalwana omkhulu kaYafete.