12. Kwaba njalo. Umhlaba waphuma uhlaza, nemifuno evelisa imbewu ngohlobo lwayo, nemithi eyenza iziqhamo, embewu ikuyo, ngohlobo lwayo. Wabona uThixo ukuba kulungile.
13. Kwahlwa kwasa: yangumhla wesithathu.
14. Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka;
15. mazibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise ehlabathini. Kwaba njalo.
16. Wenza uThixo izikhanyiso ezikhulu zazibini, esona sikhulu isikhanyiso ukuba silawule imini, esona sincinane isikhanyiso ukuba silawule ubusuku; wenza neenkwenkwezi.
17. Wazibeka uThixo esibhakabhakeni samazulu, ukuba zikhanyise ehlabathini,
18. zilawule imini nobusuku, zahlule ukukhanya kubumnyama. Wabona uThixo ukuba kulungile.
19. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesiné.
20. Wathi uThixo, Amanzi la makanyakazele inyakanyaka, imiphefumlo ephilileyo; zithi neentaka ziphaphazele ehlabathini, esibhakabhakeni sezulu.
21. Wadala uThixo oominenga mikhulu, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enambuzelayo, awanyakazela ngayo amanzi ngohlobo lwayo, neentaka zonke ezinamaphiko ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.