26. Ngulaa Aron noMoses, wathi kubo uYehova, Bakhupheni oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.
27. Ngabo abo bathetháyo kuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba abakhuphe oonyana bakaSirayeli eYiputa; ngabo Moses noAron.
28. Kwathi, mhlana wathethayo uYehova kuMoses ezweni laseYiputa,
29. wathetha uYehova kuMoses, wathi, NdinguYehova; thetha kuFaro, ukumkani waseYiputa, zonke izinto endizithethayo kuwe.
30. Wathi uMoses phambi koYehova, Yabona, ndingomlomo ungalukanga; wóthini na uFaro ukundiphulaphula?