1. Wathi uYehova kuMoses, Úya kukubona ngoku endiya kukwenza kuFaro, kuba ùya kubandulula, abagxothe ezweni lakhe ngesandla esithe nkqi.
2. Wathetha uThixo kuMoses, wathi kuye, NdinguYehova:
3. ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi ngelokuba nguThixo uSomandla; ke ngegama lam lokuba nguYehova àndazekanga kubo.