Ieksodus 5:15-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Baya abaphathi boonyana bakaSirayeli, bakhala kuFaro, besithi, Yini na ukuba wenjenje kubakhonzi bakho?

16. Abakhonzi bakho aba àbanikwa mququ; kuthiwa ke kuthi, Yenzani izitena. Yabona, abakhonzi bakho aba bayabethwa, kanti kona abantu bakho abo.

17. Wathi, Kuhiliza nina; niyahiliza, kuko le nto nithi, Masiye sibingelele kuYehova.

18. Yiyani ke ngoku, nisebenze; aniyi kunikwa mququ; ke lona inani lezitena niya kulirhola.

Ieksodus 5