1. Emveni koko beza ooMoses noAron, bathi kuFaro, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Bandulule abantu bam, bandenzele umthendeleko entlango.
2. Wathi uFaro, Ngubani na uYehova, ukuba ndiphulaphule izwi lakhe, lokuba ndindulule uSirayeli? Andimazi uYehova, kananjalo andiyi kumndulula uSirayeli.