Ieksodus 4:8-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kothi, ukuba abathanga bakholwe nguwe, àbaliphulaphula izwi lowokuqala umqondiso, bakholwe lilizwi lomqondiso wamva.

9. Kothi, ukuba abathanga bakholwe nayile miqondiso mibini, àbaliphulaphula nezwi lakho, uthabathe amanzi omlambo, uwaphalazele emhlabeni owomileyo; osuka amanzi owathabathileyo emlanjeni abe ligazi emhlabeni owomileyo.

10. Wathi uMoses kuYehova, Camagu, Nkosi yam! Àndindoda imazwi maninzi nanini na, oko wathethayo kumkhonzi wakho lo; kuba ndingokuthetha kunzima, ndikwanzima nolwimi.

11. Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeké umlomo emntwini? Ngubani na owenzé isidenge, nesithulu, nobonayo, nemfama? Asindim na, mna Yehova?

12. Ngoko ke hamba, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha.

13. Wathi yena, Camagu, Nkosi yam! Khawuthume ngesandla salowo womthuma.

14. Wavutha umsindo kaYehova kuMoses, wathi, Akanguye na umkhuluwa wakho uAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha. Kananjalo nanko yena ephuma eza kukukhawulela; wókubona, avuye entliziyweni yakhe.

15. Wòthetha kuye, ubeke amazwi emlonyeni wakhe; mna ndoba nomlomo wakho nomlomo wakhe, ndinibonise into eniya kuyenza.

16. Yena wokuthethela ebantwini, athi yena abe ngumlomo kuwe, uthi wena ube nguthixo kuye.

17. Ke le ntonga yiphathe ngesandla sakho; ùya kwenza ngayo imiqondiso leyo.

18. Wahamba ke uMoses, wabuyela kuYitro, uyise womkakhe, wathi kuye, Makhe ndihambe, ndibuyele kubazalwana bam abaseYiputa, ndibone ukuba basahleli na. Wathi uYitro kuMoses, Hamba ngoxolo.

19. UYehova wathi kuMoses kwaMidiyan, Hamba ubuyele eYiputa; kuba afile onke amadoda abezonda ubomi bakho.

20. UMoses wathabatha umkakhe noonyana bakhe, wabakhwelisa e-esileni, wabuyela ezweni laseYiputa; wayiphatha uMoses intonga kaThixo ngesandla sakhe.

21. Wathi uYehova kuMoses, Ekuhambeni kwakho ubuyela eYiputa, uze ukhangele ukuba uzenze phambi koFaro zonke izimanga, endizibeke esandleni sakho. Ke mna ndiya kuyenza lukhuni intliziyo yakhe, angabandululi abantu.

22. Wòthi kuFaro, Utsho uYehova ukuthi, Unyana wam wamazibulo nguSirayeli;

23. ndìthi kuwe, Mndulule unyana wam lowo, andikhonze; walilé nje ukumndulula, uyabona, ndombulala unyana wakho, amazibulo akho.

24. Kwathi, endleleni apho balalisa khona, uYehova wamhlangabeza, wafuna ukumbulala.

25. UTsipora wathabatha intshengece, wanqumla inyama yokwalùswa yonyana wakhe, wayiphosa ezinyaweni zakhe, wathi, Ungumyeni wamagazi kum.

26. Wamyeka ke. Watsho oko ukuthi, Ungumyeni wamagazi, ngenxa yolwaluko.

Ieksodus 4