Ieksodus 4:7-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wathi, Sibuyisele isandla sakho esifubeni sakho. Wasibuyisela isandla sakhe esifubeni; wasirhola esifubeni sakhe, naso sibuye saba njengenyama yakhe.

8. Kothi, ukuba abathanga bakholwe nguwe, àbaliphulaphula izwi lowokuqala umqondiso, bakholwe lilizwi lomqondiso wamva.

9. Kothi, ukuba abathanga bakholwe nayile miqondiso mibini, àbaliphulaphula nezwi lakho, uthabathe amanzi omlambo, uwaphalazele emhlabeni owomileyo; osuka amanzi owathabathileyo emlanjeni abe ligazi emhlabeni owomileyo.

10. Wathi uMoses kuYehova, Camagu, Nkosi yam! Àndindoda imazwi maninzi nanini na, oko wathethayo kumkhonzi wakho lo; kuba ndingokuthetha kunzima, ndikwanzima nolwimi.

11. Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeké umlomo emntwini? Ngubani na owenzé isidenge, nesithulu, nobonayo, nemfama? Asindim na, mna Yehova?

12. Ngoko ke hamba, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha.

13. Wathi yena, Camagu, Nkosi yam! Khawuthume ngesandla salowo womthuma.

14. Wavutha umsindo kaYehova kuMoses, wathi, Akanguye na umkhuluwa wakho uAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha. Kananjalo nanko yena ephuma eza kukukhawulela; wókubona, avuye entliziyweni yakhe.

15. Wòthetha kuye, ubeke amazwi emlonyeni wakhe; mna ndoba nomlomo wakho nomlomo wakhe, ndinibonise into eniya kuyenza.

16. Yena wokuthethela ebantwini, athi yena abe ngumlomo kuwe, uthi wena ube nguthixo kuye.

17. Ke le ntonga yiphathe ngesandla sakho; ùya kwenza ngayo imiqondiso leyo.

18. Wahamba ke uMoses, wabuyela kuYitro, uyise womkakhe, wathi kuye, Makhe ndihambe, ndibuyele kubazalwana bam abaseYiputa, ndibone ukuba basahleli na. Wathi uYitro kuMoses, Hamba ngoxolo.

19. UYehova wathi kuMoses kwaMidiyan, Hamba ubuyele eYiputa; kuba afile onke amadoda abezonda ubomi bakho.

Ieksodus 4