Ieksodus 4:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphendula uMoses wathi, Ùyabona, abayi kukholwa ndim, abayi kuliphulaphula izwi lam; kuba baya kuthi, UYehova akabonakalanga kuwe.

2. Wathi uYehova kuye, Yintoni na loo nto isesandleni sakho? Wathi, Yintonga.

3. Wathi, Yiphose emhlabeni. Wayiphosa emhlabeni, yasuka yaba yinyoka; wayibaleka uMoses.

4. Wathi uYehova kuMoses, Solule isandla sakho, uyibambe ngomsila; (wasolula isandla sakhe, wayibamba, yasuka yaba yintonga esandleni sakhe);

5. ukuze bakholwe ukuba uYehova, uThixo wooyise, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, ubonakele kuwe.

6. Waphinda uYehova wathi kuye, Khawusifake isandla sakho esifubeni sakho. Wasifaka isandla sakhe esifubeni sakhe. Akusirhola isandla sakhe, naso sineqhenqa, simhlophe njengekhephu.

Ieksodus 4