9. Wenza intendelezo kwelasezantsi icala, ngasezantsi, yaba ngamawunduwundu entendelezo, elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, iikubhite ezilikhulu.
10. Iintsika zawo zaba mashumi mabini, neziseko zazo zaba mashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
11. Ngecala lasentla amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu; iintsika zawo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
12. Ngecala lasentshonalanga amawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu; iintsika zawo zalishumi, neziseko zazo zalishumi; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
13. Ngecala lempumalanga ngasempumalanga aziikubhite ezimashumi mahlanu.
14. Amawunduwundu asingisa kwelinye icala lesango aziikubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zantathu, neziseko zazo zazithathu.
15. Ngelinye icala lesango lentendelezo, ngapha nangapha, aba ngamawunduwundu eekubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zantathu, neziseko zazo zazithathu.
16. Onke amawunduwundu entendelezo ajikelezileyo aba ngawelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.