Wenza nesibingelelo sokuqhumisela ngomngampunzi. Ubude baso baba yikubhite, ububanzi baso baba yikubhite, saba mbombo-né; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezimbini; zaphuma kuso iimpondo zaso.