Ieksodus 35:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ize ningaphembi mlilo ezindlwini zenu zonke ngomhla wesabatha.

4. Wathetha uMoses kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, wathi, Yiyo le indawo ayiwisele umthetho uYehova:

5. uthi, Thabathani phakathi kwenu, nise umrhumo kuYehova; bonke abantliziyo zibaqhubayo mabazise umrhumo kaYehova: igolide, nesilivere, nobhedu;

6. nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;

7. nezìntsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi; nemingampunzi;

8. neoli yesiphatho sezibane, nobulawu beoli yokuthambisa, nobesiqhumiso esimnandi;

9. namatye ebherilo,* namatye okufakwa e-efodini* naselubengweni.

10. Bonke benentliziyo elumkileyo kuni mabeze, benze zonke izinto uYehova awise umthetho ngazo:

11. umnquba nentente yawo, nesigubungelo sayo, amagwegwe ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo;

12. ityeya nezibonda zayo, isihlalo sokucamagusha, nomkhusane wokusithelisa;

13. itafile nezibonda zayo, neempahla zayo zonke, nezonka zokubonisa;

14. isiphatho sezibane zokukhanyisa, nempahla yaso, nezibane zaso, neoli yokukhanyisa;

Ieksodus 35