Ieksodus 34:23-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, yonke into engamadoda yakowenu yobonakala ebusweni beNkosi uYehova, uThixo kaSirayeli.

24. Kuba ndiya kuzigqogqa iintlanga phambi kwakho, ndiwenze banzi umda wakho, lingànqwenelwa nangubani ilizwe lakho, ekunyukeni kwakho usiya kubonakala ebusweni bukaYehova uThixo wakho, izihlandlo ezithathu ngomnyaka.

25. Igazi lombingelelo wam uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele; nombingelelo womthendeleko wepasika úze ungahlali kude kuse.

26. Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyise endlwini kaYehova uThixo wakho.Uze ungalipheki itakane ngobisi lukanina.

27. Wathi uYehova kuMoses, Wabhale la mazwi; kuba ndenzé ngokuthetha kwala mazwi umnqophiso nawe noSirayeli.

Ieksodus 34