14. Kuba akusayi kungqula thixo wumbi; kuba uYehova nguKhwele, igama lakhe, nguThixo onekhwele;
15. hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe, baze bahenyuze ngokulandela oothixo babo, babingelele koothixo babo, bakubize udle umbingelelo wabo;
16. uzekele oonyana bakho ezintombini zabo, zize iintombi zabo zihenyuze ngokulandela oothixo babo, zihenyuzise noonyana bakho, ngokubalandelisa oothixo babo.
17. Uze ungazenzeli oothixo abatyhidiweyo.
18. Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine. Iintsuku ezisixhenxe wodla izonka ezingenagwele, njengoko ndakuwisela umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma eYiputa ngenyanga enguAbhibhi.
19. Yonke into evula isizalo yeyam, nemfuyo yakho yonke evula isizalo engamaduna, nokuba yinkomo, nokuba yimvu;
20. ke lona izibulo le-esile wòlikhulula ngokulimisela ngexhwane; ukuba akuthanga ulikhulule ngokulimisela, wolaphula intamo. Bonke oonyana bakho bamazibulo uze ubakhulule ngokubamisela; mabangabonakali phambi kwam bengaphethe lutho.
21. Wòsebenza imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe uze uphumle, uphumle ekulimeni nasekuvuneni.
22. Uze uwenze umthendeleko weeveki, wentlahlela yokuvunwa kwengqolowa; nomthendeleko wokuhlanganisela ukutya emakhaya ekupheleni komnyaka.
23. Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, yonke into engamadoda yakowenu yobonakala ebusweni beNkosi uYehova, uThixo kaSirayeli.
24. Kuba ndiya kuzigqogqa iintlanga phambi kwakho, ndiwenze banzi umda wakho, lingànqwenelwa nangubani ilizwe lakho, ekunyukeni kwakho usiya kubonakala ebusweni bukaYehova uThixo wakho, izihlandlo ezithathu ngomnyaka.
25. Igazi lombingelelo wam uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele; nombingelelo womthendeleko wepasika úze ungahlali kude kuse.
26. Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyise endlwini kaYehova uThixo wakho.Uze ungalipheki itakane ngobisi lukanina.
27. Wathi uYehova kuMoses, Wabhale la mazwi; kuba ndenzé ngokuthetha kwala mazwi umnqophiso nawe noSirayeli.
28. Waye ekhona ke enoYehova iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané; akadla sonka, akasela manzi. Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso, la mazwi alishumi.
29. Kwathi, ekuhleni kukaMoses entabeni yaseSinayi, amacwecwe omabini esingqino esesandleni sikaMoses ekuhlèni kwakhe entabeni, àkazi uMoses, ukuba ulùsu lobuso bakhe belukhazimla ekuthetheni kwakhe naye.
30. UAron noonyana bonke bakaSirayeli bambona uMoses. Yini? Ulùsu lobuso bakhe luyakhazimla; boyika ukusondela kuye.
31. Wababiza uMoses, babuyela kuye uAron nezikhulu zonke zebandla, wathetha nazo uMoses.