1. Wathi uYehova kuMoses, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abesemacwecweni okuqala owawaqhekezayo;
2. ulunge kusasa, unyuke kusasa, uye entabeni yaseSinayi, ume ngakum khona encotsheni yentaba.
3. Kuze kungànyuki mntu nawe, kuze kungábonwa mntu kuyo yonke intaba, kuze kungàdli mpahla imfutshane nankomo, isingise entabeni leyo.
4. Wawaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala. Wavuka uMoses kusasa, wenyuka waya entabeni yaseSinayi, njengoko uYehova wamwisela umthetho ngako, waphatha esandleni sakhe amacwecwe amatye omabini.