23. Bâthi kum, Senzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.
24. Ndathi kubo, Ubani onegolide makayiqhawule; bandinika ke. Ndayiphosa emlilweni kwaphuma eli thole.
25. Wababona uMoses abantu, ukuba baqhawule umkhala (kuba uAron ebebaqhawulisile umkhala, ukuba babe yintlekisa phakathi kwâbo bachasene nabo);
26. wema uMoses ekungeneni eminqubeni, wathi, OngakuYehova makeze kum apha. Bantontelana kuye bonke oonyana bakaLevi.