Ieksodus 32:12-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Yini na ukuba amaYiputa atsho ukuthi, Wabakhuphela ububi, ukuze ababulalele ezintabeni, abagqibele bemke emhlabeni? Buya ekuvutheni komsindo wakho, uzohlwaye ngobubi obo ngenxa yabantu bakho.

13. Khumbula uAbraham noIsake noSirayeli, abakhonzi bakho, owazifunga ngokwakho kubo, wathi kubo, Ndiya kuyandisa imbewu yenu ibe njengeenkwenkwezi zezulu, neli lizwe lonke ndithethileyo ngalo, ndiya kulinika imbewu yenu, ilidle ilifa ngonaphakade.

14. Wazohlwaya ke uYehova ngobubi abethe uya kubenza ebantwini bakhe.

15. Wajika uMoses, wehla entabeni, enamacwecwe omabini esingqino esandleni sakhe, amacwecwe lawo ebhalwe ngamacala omabini, ebhalwe ngapha nangapha.

16. Amacwecwe lawo ebengumsebenzi kaThixo, nombhalo lowo ubungumbhalo kaThixo ukroliwe emacwecweni.

17. Waliva uYoshuwa izwi labantu ekudumeni kwabo, wathi kuMoses, Lilizwi lemfazwe eminqubeni.

18. Wathi yena, Àsilizwi lakuduma kwabeyisayo, àsilizwi lakukhala kwabeyiswayo; lilizwi labahlabelayo nabavumayo, endilivayo mna.

19. Kwathi, xa asondelayo eminqubeni, walibona ithole nomdudo. Wavutha umsindo kaMoses, wawalahla amacwecwe, wawaqhekeza emazantsi entaba.

20. Walithabatha ithole ababelenzile, walitshisa ngomlilo, walisila lada lacoleka, waligcwayela emanzini, waseza oonyana bakaSirayeli.

21. Wathi uMoses kuAron, Benzé ntoni na aba bantu kuwe, ukuba ubazisele isono esikhulu kangaka?

22. Wathi uAron, Umsindo wenkosi yam mawungavuthi. Wena uyabazi aba bantu, ukuba banobubi.

23. Bâthi kum, Senzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.

24. Ndathi kubo, Ubani onegolide makayiqhawule; bandinika ke. Ndayiphosa emlilweni kwaphuma eli thole.

25. Wababona uMoses abantu, ukuba baqhawule umkhala (kuba uAron ebebaqhawulisile umkhala, ukuba babe yintlekisa phakathi kwâbo bachasene nabo);

26. wema uMoses ekungeneni eminqubeni, wathi, OngakuYehova makeze kum apha. Bantontelana kuye bonke oonyana bakaLevi.

27. Wathi kubo, Ùtsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Mabanxibe elowo ikrele lakhe ethangéni lakhe, bathunge bephuma emasangweni eminquba, babulale elowo umzalwana wakhe, elowo uwabo, elowo ummelwane wakhe.

28. Benza oonyana bakaLevi ngokwelizwi likaMoses; kwawa ebantwini loo mini ngathi ngamawaka omathathu amadoda.

Ieksodus 32