1. Ke babona abantu ukuba uMoses ulibele, akehli entabeni; bababizela ndawonye abantu kuAron, bathi kuye, Sukume, usenzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.
2. Wathi uAron kubo, Qhawulani amajikazi egolide, asezindlebeni zabafazi benu, noonyana benu, neentombi zenu, niwazise kum.