Ieksodus 30:34-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele ubulawu, istorakis,* neonike,* negalebhana;* ubulawu obo bube nentlaka emhlophe engangxengelelweyo, ibe yimilinganiso elinganayo;

35. wenze ngabo isiqhumiso esiqholiweyo, umsebenzi womqholi, sigalelwe ityuwa, sihlambulukile, singcwele.

36. Woyisila inxenye yazo icoleke, ucaphule, ubeke phambi kwesingqino ententeni yokuhlangana, apho ndiya kuhlangana nawe khona; yoba yingcwele kangcwele kuni.

37. Isiqhumiso eso, oya kusenza ngokomlinganiso waso, ize ningazenzeli okwenu; kuwe soba yingcwele kuYehova.

38. Umntu osukuba enze esinjengaso, ukuba asijoje, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

Ieksodus 30