17. Wathetha uYehova kuMoses esithi,
18. Yenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, kuhlanjelwe kulo; ulubeke phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kulo;
19. bahlambele kulo uAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo.
20. Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana bohlamba ngamanzi, bangafi; nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kulungiselela nokuqhumisela ngokudla kwasemlilweni kuYehova;