6. umbeke unkontsho entlokweni yakhe, ubeke isithsaba esingcwele elunkontshweni olo.
7. Uze uthabathe ioli yentambiso, uyithululele entlokweni yakhe, umthambise.
8. Oonyana bakhe ke wobasondeza, ubanxibe iingubo zangaphantsi;
9. ubabhinqise umbhinqo, uAron noonyana bakhe, ubanxibe iminqwazi, bube bobabo ububingeleli, bube ngummiselo ongunaphakade; ubamisele uAron noonyana bakhe.
10. Uze uyisondeze inkunzi entsha phambi kwentente yokuhlangana, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi entsha.
11. Woyixhela inkunzi entsha phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana,