Ieksodus 29:31-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Inkunzi yemvu yokumisela uze uyithabathe, uyipheke inyama yayo endaweni engcwele;

32. bayidle ooAron noonyana bakhe inyama yenkunzi yemvu, kwanesonka esisengobozini, emnyango wentente yokuhlangana.

33. Ezo zinto, bekucanyagushwe ngazo, ukubamisela nokubangcwalisa, mabazidle; owasemzini makangazidli, kuba zingcwele.

34. Ukuba kuthe kwasala nto enyameni yokumisela nasezonkeni, kwada kwasa, uze uyitshise ngomlilo loo nto iseleyo; ingàdliwa, kuba ingcwele.

Ieksodus 29