Ieksodus 24:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wathi kumadoda amakhulu, Hlalani, nisilinde apho, side sibuye, size kuni. Yabonani, uAron noHure banáni; onendawo yokumangala makasondele kubo.

15. Wenyuka ke uMoses waya entabeni; ilifu layigubungela intaba.

16. Ubuqaqawuli bukaYehova bahlala phezu kwentaba yeSinayi; ilifu layigubungela iintsuku ezintandathu; wamemeza kuMoses ngosuku lwesixhenxe phakathi efini.

17. Ke ukubonakala kobuqaqawuli bukaYehova, emehlweni oonyana bakaSirayeli, kwaye kunjengomlilo otshayo encotsheni yentaba.

18. Wangena uMoses phakathi efini, wenyuka ke intaba uMoses; waba sentabeni apho iimini ezimashumi mané, nobusuku obumashumi mané.

Ieksodus 24