Ieksodus 23:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Zikhwelelise kude entweni ebubuxoki; musa ukumbulala omsulwa nolilungisa: kuba andiyi kumgwebela ongendawo.

8. Uze ungàmkeli sicengo; kuba isicengo esi siyabamfamekisa ababonayo, siphenula imicimbi yamalungisa.

9. Uze ungàmxini umphambukeli; niyawazi nina umphefumlo womphambukeli, kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.

10. Wòwuhlwayela umhlaba wakho iminyaka emithandathu, ubuthe iziqhamo zawo;

11. ke ngowesixhenxe wowuyeka ulale, adle amahlwempu abantu bakowenu, okuseleyo kuwo kudliwe ziinyamakazi; wénjenjalo ngesidiliya sakho, nangesinquma sakho.

12. Wòwusebenza umsebenzi wakho imihla emithandathu, uphumle ngomhla wesixhenxe; iphumle inkomo yakho neesile lakho, akhe aphefumle unyana wesicakakazi sakho nomphambukeli.

13. Zonke izinto endizithethileyo kuni, zigcineni; igama lathixo bambi uze ungalikhankanyi, lingaviwa emlonyeni wakho.

14. Wòndenzela umthendeleko kathathu ngomnyaka.

Ieksodus 23