Ieksodus 22:17-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ukuba uyise wayo walile kanye ukumnika, makarhole imali njengekhazi lazo iintombi.

18. Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi.

19. Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.

20. Obingelela kuthixo ongenguye uYehova yedwa, makasingelwe phantsi.

21. Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.

22. Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli.

Ieksodus 22