Ieksodus 22:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. makubekho ukufunga uYehova phakathi kwabo bobabini, ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe; makamkele oko umniniyo, loo mntu angayimiseli.

12. Ukuba ibiwe yabiwa ikuye, woyimisela kumniniyo.

13. Ukuba iqwengiwe, woyizisa ibe lingqina; makangayimiseli into eqwengiweyo.

14. Xa athe umntu waboleka inkomo kummelwane wakhe, yaza yaphuka, mhlawumbi yafa, engekho umniniyo, makayimisele.

15. Ukuba ithe yenzakala ekho umniniyo, makangayimiseli; ukuba ibithe yaqeshwa, ibé ihambele ingqesho yayo.

16. Xa athe umntu warhwebesha intombi engàganiweyo, walala nayo, woyilobola ibe ngumkakhe.

17. Ukuba uyise wayo walile kanye ukumnika, makarhole imali njengekhazi lazo iintombi.

18. Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi.

19. Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.

20. Obingelela kuthixo ongenguye uYehova yedwa, makasingelwe phantsi.

21. Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.

22. Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli.

Ieksodus 22