Ieksodus 21:22-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwenzakala nto noko: makahlawuliswe ngenene umfo lowo, njengoko iya kubeka phezu kwakhe indoda yaloo mfazi, arhole ngokwelizwi labahluli.

23. Ukuba uthe wenzakala, ùze urhole umphefumlo ngomphefumlo,

24. iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,

25. ukutshiswa ngokutshiswa, inxeba ngenxeba, umvumbo ngomvumbo.

26. Xa athe umntu wasibetha esweni isicaka sakhe, nokuba uthe wasibetha esweni isicakakazi sakhe, latyhaphaka: makasindulule sikhululekile ngenxa yeliso laso.

27. Ukuba uthe wakhumla izinyo lesicaka sakhe, nokuba lelesicakakazi sakhe: makasindulule sikhululekile ngenxa yezinyo laso.

28. Ke xa inkomo ithe yahlaba indoda, nokuba yinkazana, yafa: loo nkomo mayigityiselwe ngamatye, ingàdliwa inyama yayo; umnininkomo woba msulwa.

29. Ke ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, waza wazíswa umniniyo, àkayigcina noko, yaza yabulala indoda, nokuba yinkazana: mayigityiselwe ngamatye inkomo leyo, kananjalo nomniniyo makabulawe.

Ieksodus 21