Ieksodus 20:8-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise.

9. Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;

10. ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho ziné, nowasemzini osemasangweni akho:

11. kuba ngemihla emithandathu uYehova wênza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.

12. Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.

13. Uze ungabulali.

Ieksodus 20