Ieksodus 17:13-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. UYoshuwa wamchitha uAmaleki nabantu bakowabo ngohlangothi lwekrele.

14. Wathi uYehova kuMoses, Kubhale oku kube sisikhumbuzo encwadini, ukuthethe ezindlebeni zikaYoshuwa; ngokuba ndiya kusicima impela isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwamazulu.

15. UMoses wákha isibingelelo, wathi igama laso nguYehova-ibhanileyam.

16. Wathi, Isandla siphakanyiselwe etroneni kaYehova, ukuba uYehova uya kulwa imfazwe noAmaleki isizukulwana ngesizukulwana.

Ieksodus 17