Ieksodus 16:8-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wathi uMoses, Niya kububona ekuthini uYehova aninike inyama ngokuhlwa, nidle isonka kusasa, nihluthe; ekubeni uYehova ekuvile ukukroka kwenu enimkrokrela ngako. Ke thina singoobani na? Anikrokreli thina, nikrokrela uYehova.

9. Wathi uMoses kuAron, Yithi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Sondelani phambi koYehova; kuba ukuvile ukukrokra kwenu.

10. Ke kaloku, xa wayethetha uAron kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, bakhangela entlango, nâbo ubuqaqawuli bukaYehova bubonakala efini.

11. Wathetha uYehova kuMoses, wathi,

12. Ndikuvile ukukrokra koonyana bakaSirayeli. Thetha nabo uthi, Lakutshona ilanga nodla inyama, kusasa nohlutha sisonka; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.

13. Kwathi ngokuhlwa zenyuka izagwityi, zayigubungela iminquba yonke; kusasa kwabakho umbethe olele ngeenxa zonke eminqubeni.

14. Wenyuka umbethe obulele, nanko kukho phezu komhlaba entlango intwana apha ecolekileyo, ejiyileyo, encinanana njengeqabaka emhlabeni.

15. Bayibona oonyana bakaSirayeli, bathi omnye komnye, Yintoni? Kuba babengazi ukuba yintoni na. Wathi uMoses kubo, Sesi sonka aninika sona uYehova, ukuba sibe kukudla.

16. Le yiloo nto wawisa umthetho ngayo uYehova, wathi, Buthani yona, elowo ngangokudla kwakhe, ihomere* ngentloko yomntu, ngokwenani labantu, elowo athabathele abasententeni yakhe.

17. Benjenjalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane.

18. Balinganisela ngehomere; akagqithisa obúthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.

19. Wathi kubo uMoses, Umntu makangabeki mbeko.

20. Abamphulaphulanga uMoses. Inxenye yayibeka umbeko; yabola, yaba neempethu, yanuka. UMoses waba noburhalarhume kubo.

Ieksodus 16