1. Waza uMoses wahlabela le ngoma kuYehova, enoonyana bakaSirayeli, batsho ukuthi:Ndiya kuhlabela kuYehova, kuba enobungangamsha obukhulu,Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.
2. Uqhayiya lam, ungoma yam nguYehova;Waba lusindiso kum.UloThixo wam endimzukisayo,UThixo kabawo endimphakamisayo.
3. UYehova yindoda elwayo,UYehova ligama lakhe.
4. Iinqwelo zokulwa zikaFaro nempi yakhe waziphosa elwandle;Abahleliweyo kubaphathi-mikhosi bakhe batshoniswe eLwandle oluBomvu.*
5. Amanzi enzonzobila abagubungele.Behlela ezinzulwini njengelitye.