Ieksodus 14:27-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Wasolula uMoses isandla sakhe phezu kolwandle, ulwandle lwabuyela ebumeni balo, ukuthi qhiphu kokusa; asaba amaYiputa asinga kulo. UYehova wawavuthululela amaYiputa phakathi elwandle.

28. Abuya amanzi, azigubungela iingqwelo zokulwa, nabamahashe, nempi yonke kaFaro eyayingene emva kwawo elwandle; akwasala noko amnye kuwo.

29. Bona oonyana bakaSirayeli bahamba emhlabeni owomileyo phakathi elwandle; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo.

30. Wawasindisa uYehova ngaloo mini amaSirayeli esandleni samaYiputa; amaSirayeli awabona amaYiputa efile elunxwemeni lolwandle.

31. Asibona amaSirayeli isandla esikhulu asibonakalalisileyo uYehova kumaYiputa. Bamoyika abantu uYehova, bakholwa nguYehova, nanguMoses umkhonzi wakhe.

Ieksodus 14