5. Kothi, xa uYehova anifikisileyo ezweni lamaKanan, lamaHiti, lama-Amori, lamaHivi, lamaYebhusi, awalifungela ooyihlo ukubanika, izwe elibaleka amasi nobusi, ukhonze ngale nkonzo kule nyanga:
6. nidle izonka ezingenagwele iintsuku ezisixhenxe; ke usuku lwesixhenxe lungumthendeleko kuYehova;
7. izonka ezingenagwele zodliwa iintsuku ezisixhenxe; kungĂ bonwa kuwe nto inegwele, kungĂ bonwa gwele kuwe emideni yakho yonke.
8. Uze umxelele unyana wakho ngaloo mini, uthi, Ndikwenza oku ngenxa yoko uYehova wakwenzayo kum ekuphumeni kwam eYiputa;
9. kuze kube ngumqondiso kuwe osesandleni sakho, ube sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, ukuze umyalelo kaYehova ube semlonyeni wakho; kuba uYehova ukukhuphe eYiputa ngesithe nkqi isandla.
10. Uze uwugcine lo mmiselo ngexesha lawo elimisiweyo imihla kamihla.
11. Kothi, xa akufikisileyo uYehova ezweni lamaKanan, njengoko wafungayo kuwe nakooyihlo, wakunika lona,