Ieksodus 12:48-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

48. Xa athe owasemzini waphambukela kuwe, wenza ipasika kuYehova, mayaluswe yonke into eyindoda kuye, andule ke ukusondela, ayenze, abe njengozalelwe kwelo zwe; bonke abangaluswanga abasayi kudla kuyo.

49. Wóba mnye umyalelo, kozalelwe kwelo zwe, nakowasemzini ophambukele phakathi kwenu.

50. Benza ke bonke oonyana bakaSirayeli; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo.

51. Kwathi, ngayo kanye loo mini, uYehova wabakhupha oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.

Ieksodus 12