Ieksodus 10:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula abantu bam, uyabona, ngomso ndozisa iinkumbi emideni yakho;

5. zibugubungele ubuso belizwe, lingabi nakubonwa ilizwe, zidle intsalela esindileyo, enisalele esichothweni, zidle yonke imithi enihlumelayo endle;

6. zizalise izindlu zakho, nezindlu zabakhonzi bakho bonke, nezindlu zamaYiputa onke: iinkumbi ezingabonwanga ngooyihlo noonyokokhulu, kususela kwiimini ababekho ngazo emhlabeni, unanamhla. Wajika, waphuma kuFaro.

7. Bathi abakhonzi bakaFaro kuye, Koda kube nini na, lo engumgibe kuthi? Bandulule abantu, baye kukhonza uYehova uThixo wabo. Akukazi na, kuhleliwe nje, ukuba iYiputa iza kutshabalala?

8. Baza ooMoses noAron babuyiselwa kwakuFaro; wathi kubo, Hambani, niye kukhonza uYehova uThixo wenu; kuhamba oobani noobani ke?

Ieksodus 10