6. Wafa ke uYosefu nabazalwana bakhe bonke, neso sizukulwana sonke.
7. Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo.
8. Kwavela ukumkani omtsha phezu kweYiputa, owayengamazi uYosefu.
9. Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu oonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi.
10. Yizani sibalumkise, hleze bande; bathi, xenikweni kuthe kwehla imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni.