Uze uyikhumbule yonke indlela akuhambise ngayo uYehova uThixo wakho, le minyaka imashumi mané entlango, ukuze akuthobe, akulinge, akwazi okusentliziyweni yakho, ukuba wòyigcina imithetho yakhe, akuyi kuyigcina, kusini na.