4. UYehova wathetha kuni, ekhangelene nani entabeni phakathi komlilo.
5. Ndema phakathi koYehova nani ngelo xesha, ukuze ndinixelele ilizwi likaYehova; ngokuba nibe nisoyika umlilo, ànanyuka niye entabeni. Wathi:
6. NdinguYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
7. Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
8. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.
9. Uze ungazinquli ezo nto, uze ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana nakwesesithathu nakwesesiné isizukulwana sabandithiyileyo;
10. ndiwénzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
11. Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho, kuba uYehova akayi kumenza omsulwa, ofumana alibize igama lakhe.
12. Gcina umhla wesabatha, ukubu uwungcwalise, njengoko wakuwisela umthetho uYehova uThixo wakho.
13. Wòsebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;
14. ke wona umhla wesixhenxe úyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, ne-esile lakho, neento zakho zonke ezizitho ziné, nowasemzini osemasangweni akho, ukuze siphumle isicaka sakho nesicakakazi sakho, njengawe;