2. UYehova uThixo wethu wenza umnqophiso nathi eHorebhe.
3. UYehova akawenzanga noobawo bethu lo mnqophiso; wawenza nathi aba sikhoyo sonke siphela, siphilile namhlanje.
4. UYehova wathetha kuni, ekhangelene nani entabeni phakathi komlilo.
5. Ndema phakathi koYehova nani ngelo xesha, ukuze ndinixelele ilizwi likaYehova; ngokuba nibe nisoyika umlilo, ànanyuka niye entabeni. Wathi:
6. NdinguYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
7. Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.