1. Wawabiza uMoses amaSirayeli onke, wathi kuwo, Yivani, maSirayeli, imimiselo namasiko endiwathethayo ezindlebeni zenu namhla, ukuze niwafunde, nigcine ukuwenza.
2. UYehova uThixo wethu wenza umnqophiso nathi eHorebhe.
3. UYehova akawenzanga noobawo bethu lo mnqophiso; wawenza nathi aba sikhoyo sonke siphela, siphilile namhlanje.
4. UYehova wathetha kuni, ekhangelene nani entabeni phakathi komlilo.
5. Ndema phakathi koYehova nani ngelo xesha, ukuze ndinixelele ilizwi likaYehova; ngokuba nibe nisoyika umlilo, ànanyuka niye entabeni. Wathi:
6. NdinguYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.