Iduteronomi 34:8-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Oonyana bakaSirayeli bamlilela uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi imihla emashumi mathathu; yaphela ke imihla yokumlilela nokumenzela isijwili uMoses.

9. Waza uYoshuwa, unyana kaNun, wazala ngumoya wobulumko; ngokuba uMoses wayecinezele ngezandla zakhe phezu kwakhe. Bamphulaphula ke oonyana bakaSirayeli, benza njengoko uMoses wamwisela umthetho ngako.

10. Akubanga savela kwaSirayeli mprofeti unjengoMoses, awathi uYehova wamazi, bakhangelana ebusweni;

11. ngemiqondiso yonke, nezimanga, awamthumayo uYehova ukuba azenze ezweni laseYiputa kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke;

12. nangaso sonke isandla esithe nkqi, nangokoyikeka konke okukhulu, awakwenzayo uMoses emehlweni amaSirayeli onke.

Iduteronomi 34