Iduteronomi 33:4-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. UMoses wasiwisela umyalelo,Ilifa ke elo lebandla lakwaYakobi.

5. Waba ngukumkani kwaYeshurun,Ekuzihlanganiseni iintloko zabantu,Izizwe zakwaSirayeli zindawonye.

6. URubhen makadle ubomi, angafi;Angabi mbalwa amadoda akhe.

7. Le yintsikelelo kaYuda, wathi,Yiva, Yehova, izwi likaYuda,Umngenise kubantu bakowabo;Úyabalwela ngezandla zakhe;Ùmnceda wena kubabandezeli bakhe.

8. Wathi ngoLevi,IiTumim zakho neeUrim* zakho zezomntu wakho wenceba,Owamlingayo eMasa,*Wabambana naye emanzini aseMeribha.*

9. Lowo uthi kuyise nakunina, Andikuboni;Akatheni nabazalwana bakhe,Akabazi noonyana bakhe;Ngokuba egcine intetho yakho,Wabamba umnqophiso wakho.

Iduteronomi 33