15. Nangeencopho zeentaba zamandulo,Nangezinconywayo zeenduli ezingunaphakade,
16. Nangezinconywayo zomhlaba nenzaliseko yawo.Nekholo lowahlala etyholweniMalifike entlokweni kaYosefu,Naselukakayini lwalowo ubalulekileyo kubazalwana bakhe.
17. Eyamazibulo inkunzi yakhe, hayi, ubungangamsha bayo!Ziimpondo zenqu iimpondo zayo;Ngazo ihlaba izizwe, ngaxa-nye iziphelo zehlabathi.Ngamawaka alishumi akwaEfrayim ke lawo.Ngamawaka akwaManase ke lawo.
18. NgoZebhulon wathi,Vuya, Zebhulon, ngokuphuma kwakho;Vuya, Isakare, ngeentente zakho.
19. Baya kumema izizwe, zize entabeni,Babingelele khona imibingelelo yobulungisa;Ngokuba besanya ubutyebi beelwandleNezinto eziselelwe entlabathini.
20. NgoGadi wathi,Makabongwe owandisa uGadi.Ubuthuma njengengonyamakazi,Adlavule umkhono, ewe, nokakayi.
21. Wazibonela isahlulo esiyingqalo;Ngokuba besibekwe khona isabelo sommisi-mthetho.Weza kwiintloko zabantu,Wenza ubulungisa bukaYehova,Namasiko akhe ndawonye namaSirayeli.
22. Wathi ngoDan,UDan lithole lengonyama;Usuka umtsi eBhashan.