Iduteronomi 32:36-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Ngokuba úya kugweba phakathi kwabantu bakhe uYehova,Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe,Xa abonayo ukuba ethile amandla,Uphelile ovalelweyo novulelweyo.

37. Wóthi ke, Baphi na kaloku oothixo babo,Iliwa ababezimela ngalo:

38. Ababesidla amanqatha emibingelelo yabo,Ababesela iwayini yeminikelo yabo ethululwayo?Mabasuke banincede,Kubekho isithe phezu kwenu.

39. Bonani ngoku, ukuba mna ndinguye;Tu thixo unam.Ndiyabulala, ndidlise ubomi;Ndiyaphalusa, ndiphilise mna;Tu uhlangulayo esandleni sam.

40. Ngokuba ndisiphakamisela emazulwini isandla sam;Ndithi, Ndihleli nje mna ngonaphakade,

41. Ukuba ndithe ndalilola ikrele lam elingumbane,Sabambelela elugwebeni isandla sam,Ndoyibuyisela impindezelo kubabandezeli bam,Ndibuyekeze kubathiyi bam.

42. Ndozinxilisa iintolo zam ngegazi,Ikrele lam liyidle inyamaNgegazi labahlatyiweyo nabathinjiweyo,Ngentloko enesihlwitha yotshaba.

43. Memelelani, zintlanga, ngenxa yabantu bakhe,Ngokuba eliphindezelela igazi labakhonzi bakhe,Abuyisele impindezelo kubabandezeli bakhe,Awucamagushele ke umhlaba wakhe nabantu bakhe.

44. Weza ke uMoses, wawathetha onke amazwi ale ngoma ezindlebeni zabantu, yena noYoshuwa unyana kaNun.

45. Wagqiba uMoses ukuwathetha onke la mazwi kumaSirayeli onke,

46. wathi kuwo, Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endiwangqinayo kuni namhla, eniya kuwamisela koonyana benu, ukuba bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo.

47. Ngokuba asilizwi lilambathayo kuni eli, kuba bubomi benu; ngeli lizwi niya kuyolula imihla kuloo mhlaba niyiwelayo iYordan nisiya kuwuhlutha.

48. Wathetha uYehova kuMoses kwangaloo mini, esithi,

49. Nyuka uye kule ntaba yaseAbharim, entabeni yeNebho, esezweni lakwaMowabhi, elikhangelene neYeriko, ukhangele ilizwe lakwaKanan, endilinika oonyana bakaSirayeli ukuba libe lelabo;

50. ufele entabeni oyinyukayo, uhlanganiselwe kubantu bakowenu, njengokuba wafayo umkhuluwa wakho uAron entabeni yeHore, wahlanganiselwa kubantu bakowabo;

51. ngenxa yokuba namenezayo kum phakathi koonyana bakaSirayeli emanzini aseMeribha yaseKadeshe, entlango yeTsin, ngenxa yokuba ningàndingcwalisanga phakathi koonyana bakaSirayeli.

52. Ngokuba wolibona ilizwe liphambili, kodwa ungangeni kulo ilizwe endilinika oonyana bakaSirayeli.

Iduteronomi 32